Samkelo C. Mtwana

Samkelo C. Mtwana

Brand: Afrika Home
145.00 ZAR Out of stock Buy at Merchant

Kule noveli inkosikazi eyasinda ngesikaSibi kwindyikityha yesiganeko sodushe lwasekhaya esadlula nobomi bosapho lwayo, isebenzisa imfundo enayo kunye nezityhwentywe zemali yelifa ukuseka imanyano yasemfihlakalweni. Le manyano, nebizwa ngokuba nguMnatha weMbokodo, isebenzisa iindlela ezingaqhelekanga nezintsonkothileyo ukunqoloba amadoda anamatyala okuphehla udushe olungonyamela abasetyhini nabantwana. Njengoko inani lezidumbu zabamangalelwa liya lisanda, incutshe yomtshutshisi izobona isengela kwithunga elivuzayo kuba abamangalelwa abasazitsali izigwebo. Kambe umanyano ngamandla, yiyo loo nto umtshutshisi lowo asebenzisana neengcaphephe ezimbini zabacuphi, kunye netoliki ehlakaniphileyo yeenkundla zamatyala, ukuzama ukurhintyela abo bangunobangela wale ndyikityha. Leliphi ke icala eliza kuwuphumelela lomdlalo wempuku nekati?